KUBHUBHE ABANTWANA BESKOLO KWINGOZI YESITHUTHI
Inani labantu ababhubhileyo kwingozi embi ebandakanya abantwana besikolo eVaal linyuke laya kutsho kwishumi elinesibini. Aba bantwana bebesendleleni eya esikolweni ngoMvulo ngethuba le ngozi yenzeke kwindlela emxinwa ekufutshane neVanderbijlpark, indlela edume ngokuqhuba iilori ngokungakhathali. Abanye abahlanu kuthiwa bonzakele kakhulu kwaye babalekiselwe esibhedlele. Iinkonzo ezingxamisekileyo ngoku zikwindawo yexhwayelo. Umphathiswa wemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube uvakalise ukuxhalaba ngale ngozi. …
