KUKHOLELEKA UKUBA UKUDODOBALA KOKUKHULA KWEZOQOQOSHO KUNGENZA IMALI KARHULUMENTE IJONGANE NOBUNZIMA
Abahlalutyi baqikelela ukuba imali karhulumente iya kuqhubeka nokujongana nobunzima obukhulu ukuba ukukhula kwezoqoqosho kuhlala kudodobala kwaye amatyala ahlala enyuka. Oku kuza njengoko umphathiswa wezemali u-Enoch Godongwana elungiselela ukwenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali ebilindelwe ngabomvu, neyahlehliswa kwinyanga ephelileyo ngenxa yokungaboni ngasonye kwikhabhinethi yeGNU. INtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali, phakathi kwezinye, ijolise ekulinganiseni ukukhula koqoqosho kunye nenkxaso kwabo babuthathaka kuluntu lwethu…
