KUBHUBHE WAMNYE KWINGOZI YANGOMGQIBELO KWELIPHONDO

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithe kubhubhe umntu omnye, ngelixa abanye ababini bonzakele kakhulu ngethuba kungqubana iveni emhlophe yohlobo lweNP200 kunye neSuzuki ehlala abantu abasixhenxe engwevu kwindlela uR102 phakathi kweHumansdorp neTsitsikama kumasipala wesithili saseSarah Baartman ngobusuku bangoMgqibelo.

Isithethi sephondo uMakhaya Komisa uthi iveni iNP200 ibiyeyenkampani yokwakha kwaye ibihamba isingise eHumansdorp, ngelixa iSuzuki engwevu izihlalo ezisi-7 ibijongise kwicala laseTsitsikama ngethuba kuntlitheka le ngozi.

“Kwiveni bekukho umqhubi nomkhweli, umqhubi ubhubhele kwindawo yexhwayelo, umkhweli wabalekiselwa esibhedlele,” utshilo.

UKomisa uthe uMphathiswa uXolile Nqatha udlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho ezibhubhileyo kwaye unqwenelela ukuphila okukhawulezileyo kumkhweli owenzakeleyo.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa aseHumansdorp.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *