INDLU YOWISO-MTHETHO YESIZWE IIPASISE UHLAHLO LWABIWO-MALI LUKA 2025
INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ivotele ukwamkela isakhelo soHlahlo-lwabiwo-mali lowama-2025 ngesininzi esimxinwa.
Ivoti yokugqibela yaba li-194 kunye ne-182 echaseneyo, kwaye akukho voti.
I-ANC ivotele kunye noninzi lwamalungu kaRhulumente woManyano lweSizwe (GNU) ngokulandelelana ukuba amkele uhlahlo lwabiwo-mali. Umbutho iDemocratic Alliance kunye neFreedom Front Plus ziwukhabile.

Ukwandisa amanani kunye nokuqinisekisa isininzi, i-ANC ifune inkxaso ngaphandle kwe-GNU, kuquka i-ActionSA kunye noMmusi Maimane wakwaBuild One South Africa (BOSA).
Ivoti ibiyeyokuxhasa nokwamkela ingxelo yeKomiti eSigxina yezeziMali, eyamkele inkqubo-sikhokelo ngaphandle kwezilungiso, kubandakanywa ipesenti enye yokunyuswa kweVAT kwiminyaka emibini kwaye akukho luhlenga-hlengiso kwizibiyeli zerhafu yengeniso.
Ingxelo yekomiti yamkelwe yiANC, IFP kunye neAction SA, iDA, MK Party kunye neEFF bezikhabile.
