IKOMISHONI IMAMELE UMBA NGAMADOKETHI ALIKHULU ELINAMASHIMI AMABINI ANANYE

IKomishoni yoPhando kaMadlanga kulindeleke ukuba imamele ubungqina ngamadokethi ayi-121 anikezelwe liQela lePolitical Killings Task Team (PKTT) kundlunkulu wamapolisa ePitoli xa kuqhubeka inkqubo ngoMvulo.

Isityholo sokugqithiselwa kwamadokethi yenye yezinto ezixhalabisa uMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi ngethuba esenza intetho yakhe yokudubula kweyesi-6 kweyeKhala.

UMkhwanazi uthi amadokethi athathwa kwi-PKTT kwaye “beqokelela uthuli” kwi-ofisi kaSekela Mkomishinala wamaPolisa kuzwelonke omisiweyo uShadrack Sibiya.

USibiya uwakhabile amabango kaMkhwanazi, esithi ebesenza ngokomyalelo wokuba amadokethi anikezelwe kwiofisi yakhe.

Ngelixa ikhomishini ingekachongi ukuba ngubani ingqina elilandelayo, kuyaqondakala ukuba isihloko sinxulumene needokethi ze-121.

Amadokethi athatyathwa kwi-PKTT, kulandela umyalelo ophikisanayo wokuba iqela elisebenzayo lichithwe.

UMkhwanazi utyhole uSibiya ngokuba nomdla wokukhusela abo bachaphazeleka kula madokhethi emva kokuba betshintshelwe kwiofisi yakhe ePitoli.

Ngethuba evele phambi kwekomiti yethutyana yasePalamente, uSibiya uthe uyalele ukuba iidokethi zitshintshelwe kwiofisi yakhe kulandela umyalelo kaMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *