I-ARHENTE IBHENGEZE IMIHLA YENTLAWULO KWINYANGA YEKHALA
Umhla wesbini kweyeKhala (02 July), ngoLwesithathu – Isibonelelo sabantu abadala
Umhla wesithathu kweyeKhala(03 July), ngoLwesine- Isibonelelo sabakhubazekileyo
Umhla wesine kweyeKhala (04 July), ngoLwesihlanu- Isibonelelo senkxaso yoMntwana
Isibonelelo soluntu sentlekele (SRD) esingamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe (R370) siya kuhlawulwa kamva enyangeni ephakathi komhla wamashumi amabini anesithandathu (26) namashumi amathathu ananye (31) kule yeKhala.
U-Sassa ukhumbuze abaxhamli ukuba bathathele ingqalelo imihla yentlawulo kwaye baphephe ukuxinana kwiindawo zokurhola njengoko kungekho sidingo sokungxama. Iimali zihlala zifumaneka xa sele zikho.
