Amasebe Ka Rhulumente, iiNkosi Kwakunye nooSomashishini Bebeyinxalenye Yentlanganiso Enkulu Ebiqhuba Kumasipala

Amasebe ka rhulumente, iiNkosi kwakunye noosomashishini bebeyinxalenye yentlanganiso enkulu ebiqhuba kumasipala i Dr AB Xuma apho umphathiswa weZokhuseleko kwiphondo lweMpuma Kapa uXolile Nqatha ebeyinxalenye yoku ukuzomamela ekwazonika nengxelo kwizinto ezenzeka eNgcobo,ikakhulu ukungazinzi kwedolophu, nomba webhasi ezilayisha ngaphandle kwesivumelwano kwakunye nokubulawa kwabantu,

UNkosi uMthirara Zwelodumo uthi banqwenela ibekhona into enothi yenziwe kuzozonke ezingxaki kuba nabo bezinkosi akukhomnandi ukumane besiva isiphithiphithi.

Obekekileyo uMphathiswa uNqatha uthi zonke ezizinto zolwaphulo mthetho zenzekayo apha eNgcobo bazokuqinisekisa ukuba ziyayeka ukwenzeka, esithi xa iziganeko zobubi zingachazwa kuzobanjwa abenzi bobubi lonto ithi sokuze luphele ulwaphulo mthetho, ucela intsebenziswano kuluntu ngokubanzi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *