ABAFUNDI ABABANDAKANYEKAYO EKUNETHENI UMNTWANA WESIKOLO BANQUNYANYISIWE
Abasemagunyeni kwisebe lezemfundo eMpuma Koloni batyelele isikolo samabanga aphakamileyo iDavid Mama eBuffallo City kuloMvulo.
Oku kulandela ividiyo, ebonisa abafundi abangamakhwenkwe ebebetha intombazana afunda nabo esikolweni.
Le vidiyo isasazeke kumakhasi onxibelelwano abaninzi bevakalisa umothuko sesi sehlo.
Isebe lezemfundo ephondweni lithi izenzo zabafundi azamkelekanga kwaye kuzakujongwana nazo.
Ngelixa izakube ibonelela ngenkxaso ngokwasengqondweni kwixhoba, bakwahlaba ikhwelo kubazali ukuba baqinisekise ukuba abantwana babo baziphatha ngendlela eyiyo.
Abahlali nabo bamatsha ukuya esikolweni befuna ubulungisa. Nalapho baye banqunyanyiswa abafundi ababandakanyekayo.
