I-BERGVIEW ITHI YAHLUKENE NGOXOLO NENQUNUNU UJACO PIETERSE
Isokolo samabanga aphantsi esaziwa ngokuba yiBergview College eMpuma Koloni, sithi sahlukane ngoxolo noJaco Pieterse owayesakuba yinqununu etyholwa ngokudlwengula.
UPieterse ebesembindini wetyala lokudlwengulwa komfundi waseMpuma Koloni oneminyaka esixhenxe ubudala nelaligqugqise isizwe kulo nyaka.
Ityala lithe lachithwa liGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) emva kokuba lingafumani “bungqina bubambekayo” bokuba lo mntwana wakha wabethwa.
Kwileta eya kubazali yomhla wama-30 kaJulayi, usihlalo webhodi yetrasti yesikolo wathi iKholeji yaseBergview kunye noPieterse bahlukene ngemvumelwano ukususela nge-30 kaJuni ka-2025.
“Unxibelelwano oluneenkcukacha malunga nalo mba luza kukhutshwa kungekudala. Ibhodi igqibe kwelokuba iqeshe uMnu T Cook njengenqununu ebambeleyo ukuya kutsho nge-31 kaDisemba 2025, apho ibhodi iya kugaya iinkonzo zenqununu epheleleyo ngokomgaqo-nkqubo wokugaya abasebenzi beKholeji yaseBergview,” ifundeka ngolu hlobo le leta.
Kamva uPieterse watyhola uNobhala Jikelele we-African National Congress (ANC) uFikile Mbalula, inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, kunye noMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ngokumtyhola ngokudlwengula lo mntwana.
Icandelo lezotshutshiso labucala leAfriForum limele uPieterse kweli tyala.
Isithethi seli candelo, uBarry Bateman: “Eyona nto iphambili kuthi ngoku kukuqinisekisa ukutshutshiswa kwabo bamtyhola ngobuxoki ngokuba ngumrhanelwa kwisityholo sodlwengulo.
