UMBUTHO WEZOPOLITIKO I-EFF IBHIYOZELE IMINYAKA YAWO ELISHUMI ELINESIBINI

I-Economic Freedom Fighters (EFF) ithe imibhiyozo yokuzalwa kwayo iminyaka elishumi elinesibini ibe yimpumelelo engathethekiyo.

Lo mbutho ukwakhusele ukukhetha iKhayelitsha neKapa njengendawo ezakubanjelwa kuyo ngenxa yokubaluleka kwale ndawo ekulweni ucalucalulo.

Abahlali abasuka kuluntu olungaphaya komasipala ombaxa begcwele pha kwisakhiwo sokwexeshana esakhiwe kwibala lombhoxo laseKhayelitsha ngoMgqibelo.

Imibhiyozo ye-EFF yeminyaka elishumi elinesibini ibingumxube wolonwabo nemiyalezo yezopolitiko esuka kwizithethi ezohlukeneyo, eziquka iinkokeli zeenkonzo nezemveli.

Isithethi seEFF, uThembi Msane, uthe wamkelwe kakuhle lo mbutho eKhayelitsha, watsho esithi iibharethi ezibomvu nazo ziqhuba kakuhle kumbutho.

“Njengoko ubona, sibhiyozela iminyaka eli-12 kwaye sisiganeko esiyimpumelelo.

Kutshanje eGauteng, besinendibano zethu zoluntu, nto leyo engumqondiso wokuba umbutho uyakhula.”

Inkokeli yombutho uJulius Malema uphinde waqinisekisa abalandeli bakhe ukuba umbutho awuzubhubha.

“Kufuneka sizisuse kunyaka ozayo ukuze singene sicoce ubumdaka bazo.”

Ukwabongoze abalandeli bakhe ukuba bavotele iDemocratic Alliance (DA) ukuba iphume kulawulo lwaseKapa, etyhola lo mbutho ngokutyeshela uluntu olungathathi ntweni.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *