ITYEKEZELWE NGAPHANDLE IMVUMI YEZOKHOLO
EZOPOLITIKO- Ibisisankxwe namaxwebhu ezikhalazo kumakhasi onxibelelwano ezisuka kubathandi nabalandeli beqela lezopolitiko, iEconomic Freedom Fighters(EFF).
Oku kuza emveni kokuba imvumi yomculo wezokholo neyitandane yesinintsi, kuthiwe kuyo hoga.
Iingxelo zidandalazisa ngelithi isuswe okwempukane ekutyeni imvumi yomculo wezokholo uBetusile Mcinga nobekulindeleke ukuba abeyinxalenye yeemvumi ezizokube zingqisha eqongeni, kumsitho walombutho.
Abalandeli balombutho babethe ngenqindi phantsi besithi, “UBetusile ufana nengcuka eyombethe ifele legusha, kuba kaloku ucace nakwimfama ukuba yena ufa apho kufa khona iqela leANC kwaye asimfuni umntu onjalo thina.”
Ezozikhalazo aziwelanga phantsi nanjengoko ikhasi lonxibebelelwano leliqela leEFF liye lakhawuleza lamtyekezela ngaphandle okaMcinga.
Lomnyadala weEFF kulindeleke usingathwe eKapa ngomhla we26 kule imiyo.
