UMBUTHO WOMKHONTO WESIZWE AWUVISISI NCAM NGOMBA WOKUTHATHA KWEKHEFU KUKA MPHATHISWA WAMAPOLISA U-MCHUNU
Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) uthe ujonge kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuphikisa isigqibo sokutyumba umphathiswa wethutyana wamapolisa.
Lo mbutho uthi akukho mmiselo kuMgaqo-siseko wokuba umphathiswa abekwe kwikhefu elikhethekileyo, nokuba abaphathiswa ababini batyunjelwe kwisikhundla esinye ngaxeshanye.
Esenza isibhengezo, inkokeli yombutho we-MK epalamente, uJohn Hlophe, uthe unikwe amandla okucela umngeni kwisibhengezo sikaMongameli Cyril Ramaphosa ngeCawa sokunqumamisa uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kwaye asebenzise ilungelo lakhe lomgaqo-siseko ukutyumba umntu ongaphandle ePalamente ukuba akhokele isebe okwangoku.
Lo mbutho nawo awukuxhasi ukusekwa kwekomishoni yophando eza kuphanda amabango urhwaphilizo, ukungena nokubanjwa kweNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS).
Umbutho we-MK ufuna uRamaphosa amgxothe uMchunu, esithi kukho ubungqina obaneleyo obubonisa ukuba ulahlekise iPalamente nelizwe kumatyeli aliqela.
UHlophe uthe umbutho uye kwikomiti yokuziphatha ePalamente ukuba iphande ngoMchunu.
“Sijongene nomphathiswa onezityholo ezinobuzaza, onembali yokuxoka, ndike ndambiza ngokungafihlisiyo ukuba ulixoki lezifo. Xa kuthethwa ngokuxoka uyagqwesa.
UHlophe uthe sele kuyilwa amaphepha enkundla ukuze kubhengezwe kwinkundla ephakamileyo yelizwe ukuphikisa ukuchongwa kukaFiroz Cachalia ukuba abe yintloko yesebe lamapolisa ngelixa uMchunu esekhefini.
