Umphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ujongene nezityholo zolwaphulo-mthetho

Umphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu ujongene nezityholo zolwaphulo-mthetho ngamabango okuqhushumba kukaLt General Mkhwanazi
Simon Majadibodu

Lithe gqolo ilifu elimnyama kuMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu, nanjengoko ejongene nezityholo zolwaphulo-mthetho ngakuye ngezityholo eziqhumayo zokungaziphathi kakuhle kwanokuphazamisana nokusebenza kwamapolisa nguMkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi.

I-DA ibhengeze ukuba iza kumangala ngoLwesine kwisikhululo samaPolisa aseKapa.

uSekela-Mbhexeshi oyiNtloko weqela, uBaxolile Nodada; isithethi sezobulungisa uGlynnis Breytenbach; Isithethi sezobuntlola uDianne Kohler Barnard, kunye nosekela-somlomo wamapolisa uLisa Schickerling kulindeleke ukuba bakhokele eli tyala kwaye bathethe noonondaba emva koko.

I-DA ityhole uMchunu ngokulahlekisa iPalamente ekuqaleni kwalo nyaka ngethuba exelela iKomiti yeSebe lezamaPolisa ukuba akamazi usomashishini waseMntla Ntshona uBrown Mogotsi.

UMogotsi uye wabandakanyeka kwizityholo zokungenelela kwezopolitiko kwiphulo likaMkhwanazi.

UMchunu ngoku uvumile, kwiinyanga ezine emva kokukhanyela kwakhe, ukuba ngokwenene uyamazi uMogotsi, kodwa “njengeqabane” kuphela.

Oku kuza emva kokuba exelele iPalamente ngomhla wesihlanu kweyoKwindla ukuba akamazi uMogotsi.

“Andimazi lo mntu,” watsho ebhekisa kuMogotsi.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *