SIPHEHLELELWE NGUMPHATHISWA WEZOTHUTHO KUZWELONKE UBARBARA CREECY ISIKHULULO SIKALOLIWE ICHRIS HANI

Imifanekiso ngu-Anezwa Tom

Umphathiswa wesebe lezothutho kuzwelonke unkosikazi Barbara Creecy namhlanje uphehlelele isikhululo sikaloliwe saseChris Hani kwisithili saseKhayelitsha kwisixeko saseKapa.UCreecy lo msitho uwutshayelele ngokukhwela uloliwe osuka kwesi sikhululo eingise kwisikhululo sikaloliwe sase Kapa .Olu phehlelelo linyathelo yeprojekti yokuvuselela umzila kaloliwe osembindi emva kokunqunyanyiswa kweenkonzo zothutho ngololiwe kulo mzila iminyaka eliqela ukusuka ngo2019 kulandela ukwebiwa kwezixhobo zikaloliwe eziquka iintambo zombane nokutshalaliswa kweziseko ezingundoqo .Oku kuye kwakhokhelela ekubeni abantu abaninzi bagxumeke amatyotyombe wabo kwimmandla efana noLanga nePhillipi .

.Ngethuba ethetha nonondaba kwisikhululo sikaloliwe sase Kapa oka Creecy uwuchaze lo mzila njengobaluleke kakhulu nanjengoko esithi uzakudlala indima enkulu kuthutho lwabakhweli bakaloliwe abamalunga nama 350 000 rhoqo ngemini kwisixeko saseKapa xa sele uqgityiwe umzila ozembindini.

Ibhalwe nguNomaxabiso Mgqawule.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *