AKAXOLANGA UMPHATHISWA WEZOBULUNGISA SISENZO SETOLIKI ENKUNDLENI

UMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, uMmamoloko Kubayi, uvakalise “inkxalabo enkulu kunye nokugxeka okumandla” kulandela isehlo sokungaziphathi kakuhle kwetoliki yenkundla.

Ukuziphatha kwetoliki kukhokelele ekubeni lihlehliswe ityala lebheyile enovakalelo elibandakanya umntwana oneminyaka esixhenxe ubudala kwiNkundla kaMantyi yaseMaluti eMatatiele, ngoMvulo.

“Ityala, nelalimiselwe isicelo sebheyile, laphazamiseka xa itoliki echongiweyo ingabuyelanga enkundleni emva kokumiswa kwesidlo sasemini,” sitshilo isithethi sikaKubayi, uTerrence Manase.

Uthe ngaphandle kweenzame ezingxamisekileyo zokufumana enye itoliki kwiinkundla ezingqongileyo, ityala alikwazanga kuqhubeka kwaye lahlehliselwa umhla we-15 kuTshazimpunzi.

“Iingxelo zokuqala zithi itoliki, ekutyholwa ukuba ilwa nokusetyenziswa kakubi kotywala, isenokuba yalahlekisa amagosa ngesizathu sokungabikho kwakhe,” utshilo uManase.

U-Kubayi uye wagxeka izenzo zetoliki, echaza ukuziphatha njengento engamkelekanga ngokupheleleyo, ngokukodwa kumatyala abandakanya abantu abasengozini, kwaye ingaphantsi kakhulu kwimigangatho elindeleke kumagosa enkundla.

Lo mba usiwe kwi-ofisi yephondo ukuze kwenziwe uphando olukhawulezileyo malunga nezi zityholo ezinobuzaza, kwaye uManase uthi kuyakuthatyathwa amanyathelo afanelekileyo xa kuthe kwafunyaniswa ukuziphatha kakubi.

Ngeli xesha, uKubayi ugxininise ukuba uxanduva kufuneka lugcinwe ngaphandle kokulibazisa.

“Impembelelo yeemvakalelo nezomthetho yezehlo ezinje kumaqela achaphazelekayo, ingakumbi abantwana, ayinakulungiswa” utshilo uKubayi.

“Indlela yokuziphatha enjalo ijongela phantsi ukusebenza kakuhle kweenkundla kwaye ayisayi kunyanyezelwa.”

UKubayi ugxininise ukuba ulawulo lobulungisa kufuneka luxhaswe ngabantu ababonakalisa imfezeko, umsebenzi oqeqeshelweyo, kunye nokuzinikela kwiinqobo ezisemgangathweni zobulungisa ngamaxesha onke.

“Naziphi na izenzo ezibeka esichengeni ukunikezelwa kobulungisa, ngakumbi kumatyala abandakanya abantwana, ziya kuhlangatyezwa ngongenelelo olugqibeleleyo,” wongeze watsho.

Okwangoku, iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko lithe amalungiselelo ayaqhubeka ukutyumba itoliki efanelekileyo ukuqinisekisa ukuba umcimbi uyaqhubeka njengoko bekucwangcisiwe nomhla we15 kuTshazimpunzu ngaphandle kokulibaziseka.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *