IFIKILE INYANGA EKUNYUKA NGAYO IZIBONELELO ZIKA SASSA
I-Arhente yoMzantsi Afrika yegranti ukusuka ku-Tshazimpunzi ka-2025 iza kuhlawula kule veki.
I-Arhente ilawula ngaphezulu kweshumi elinesithoba lezigidi zeentlawulo zezibonelelo, kubandakanywa isibonelelo senkamnkam yaBantu abaDala, iSibonelelo sokuKhubazeka, iSibonelelo saMagqala eMfazwe, iSibonelelo sokuXhomekeka kwiNkathalo, isibonelelo soMntwana ongengowakho kunye nenkxaso yoMntwana.
imihla yentlawulo ime ngolu hlobo lulandelayo:
- ISibonelelo saBantu abaDala-ngoLwesithathu, umhla wesi-2 kuTshazimpuzi ka-2025
- ISibonelelo sokuKhubazeka-ngoLwesine, wesi-3 kuTshazimpuzi ka-2025
- IiNkxaso-mali zaBantwana- NgoLwesihlanu, ngomhla wesi-4 kuTshazimpuzi ka-2025
Ukonyuswa kwenkxaso-mali yakwaSassa kuhamba ngolu hlobo lulandelayo:
- Izibonelelo zabantu abadala (iminyaka engama-60-74) kunye nezibonelelo zokukhubazeka zinyuke nge-R130 ukuya kwi-R2 315.
- Isibonelelo sabantu abadala (iminyaka engama-75+) sinyuke nge-R135 ukuya kwi-R2 335
- ISibonelelo sokuKhuliswa kwabantu abangengowakho sinyuke nge-R70 ukuya kwi-R1 250
- ISibonelelo seNkxaso yoMntwana sinyuke ngama-R30 ukuya kuma-R560
- IiGranti ze-SRD zihlala zingama-R370
Abaxhamli baye bafumana uxolelo lwexeshana, njengoko umhla wokugqibela wokutshintsha amakhadi egolide akwa-sassa uye wandiswa ngeenyanga ezimbini, kude kube ngumhla wamashumi amathathu ananye kuCanzibe. (31 May)
