NDATHENGISA UMNTWANA WAM KWISANGOMA: INGQINA LIWISE ISIQHUSHUMBISI KWITYALA LIKA JOSHLIN
Inkundla imamele ukuba uJoshlin Smith wathengiswa ngumama wakhe kwisangoma ngeR20,000.
Ngosuku phambi kokuba uJoshlin Smith onemehlo aluhlaza aduke umama wakhe wazityand’ igila kumhlobo wakhe ukuba uthengise ngentombi yakhe kwisangoma ngee-R20,000.
Owayesakuba lingqina likarhulumente u-Lourentia Lombaard uye wawisa esi siqhushumbisi ngexesha lobungqina bakhe ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesine, kwinkundla ephakamileyo yaseSaldanha Bay, kule yoKwindla.
ULombard, okwabizwa ngokuba nguRenz, wabanjwa kulo nyaka uphelileyo noRacquel “Kelly” Smith, isithandwa sikaSmith uJacquin “Boeta” Appollis kunye nomhlobo wabo uSteveno van Rhyn. Noko ke, kamva waba lingqina likarhulumente.
Abatyholwa abathathu abaseleyo bawaphika amatyala okuxhwila kunye nokurhweba ngabantu.
“Ndajikela kuKelly noJacquin ndaza ndamva esithi kuye, ‘Boeta hier is die geld wat die sangoma gegee het [nantsi imali esangoma esiyinikiwe],” emva koko wabuza ukuba yimalini waza wathi amashumi amabini amawaka (R20,000.)
ULombaard uthe uVan Rhyn wayengaphandle kwetyotyombe. Wankqonkqoza emnyango wabuza ukuba kwenzeka ntoni.
USmith wamxelela: “Renz, ndibambe ik*k. Ndathengisa umntwana wam kwisangoma.” U-Lombaard wabuza ukuba kutheni enze loo nto kwaye impendulo yayikukuba uSmith wayetsala nzima ngokwasezimalini.
ULombaard waxelela uSmith ukuba wayenokucela uncedo xa efuna imali kodwa uSmith waphendula wathi “kugqityiwe” waza wachaza ukuba uza kunika uLombaard i-R1,000, uVan Rhyn i-R1,200 kwaye enye iza kwabelwa yena no-Appollis.
Bayalelwa ukuba bangaxeleli mntu.
ULombaard uxelele inkundla ekuqaleni kwale mini wayesuka eWorcester wafudukela eSaldanha Bay ngo-2017 apho waqala ukuhlala nobhuti wakhe waze kamva wahlalisana nesithandwa sakhe uAyanda nowayethengisa iziyobisi awayenabantwana ababini naye.
Wamazi uSmith noAppollis kuba babethenga iziyobisi kuAyanda. Wayemazi uVan Rhyn kuba wayencedisa kwindawo yokuhlamba imoto eyayiqhutywa nguAyanda.
Ngomhla weshumi elinesibhozo, kweyoMdumba, 2024 — kusuku phambi kokuba uJoshlin alahleke — uSmith usebenzise ilitye ukophula ifestile kwityotyombe lakhe emva kokugrogrisa u-Appollis ngemela, esithi uza kumbulala.
Ngentsimbi yokuqala inkundla ive okokuba, emva kokushiya ukutya kuka-Ayanda kwindawo yokuhlamba iimoto, uLombaard watya inkukhu kunye nepapa nabantwana bakhe ababini abancinci waza kamva waya kwityotyombe likaSmith.
Engaphandle wayesiva esi sibini sithetha ngaphakathi etyotyombeni. USmith wayefuna ukuxelela isithandwa sakhe okuthile ngoJoshlin kodwa waphendula ngesiBhulu wathi: “Andinaxesha lokumamela le mbudane yakho.”
ULombaard weva ifowuni ikhala. USmith waphendula kwaye wathetha ngesiNgesi, esithi, “Ndiyeza ngoku. Ndilinde uBoeta [ukuba] agqibe ngomsebenzi wakhe”.
USmith uxelele uAppollis, “Boeta, gqiba, abantu bandilindile”. USmith wafowunela uJoshlin kwaye badlula uLombaard owabuza ukuba bayaphi waxelelwa ukuba ayingomsebenzi wakhe.
ULombaard wababukela besiya kwiVW Polo emhlophe enefestile ezimnyama kancinci. Indoda yayiqhuba kwaye kwavela umfazi kwisihlalo sabakhweli, wathetha naye emva koko wanika uSmith into eyayibeka phantsi phambi kwebhulukhwe yakhe. Umkhweli wayenxibe iimpahla eziluhlaza, enamabala amhlophe ebusweni bakhe kwaye enxibe isinqanda entloko kunye nesingxobo esikhulu.
“Kwakubonakala ngathi sisangoma kum, kuba ndandibona amachaphaza alapha ebusweni bakhe. Ndikhe ndayibona ngaphambili,” wangqina uLombaard.
Kwakusemva kwaloo mini waya kwityotyombe lesi sibini weva incoko emalunga ne-R20,000.
