KUKHOLELEKA UKUBA UKUDODOBALA KOKUKHULA KWEZOQOQOSHO KUNGENZA IMALI KARHULUMENTE IJONGANE NOBUNZIMA

Abahlalutyi baqikelela ukuba imali karhulumente iya kuqhubeka nokujongana nobunzima obukhulu ukuba ukukhula kwezoqoqosho kuhlala kudodobala kwaye amatyala ahlala enyuka.

Oku kuza njengoko umphathiswa wezemali u-Enoch Godongwana elungiselela ukwenza intetho yohlahlo lwabiwo-mali ebilindelwe ngabomvu, neyahlehliswa kwinyanga ephelileyo ngenxa yokungaboni ngasonye kwikhabhinethi yeGNU.

INtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali, phakathi kwezinye, ijolise ekulinganiseni ukukhula koqoqosho kunye nenkxaso kwabo babuthathaka kuluntu lwethu nangona izibonelelo zinqongophele. Olu iya kuba luhlahlo lwabiwo-mali lokuqala phantsi kwe-GNU.

Ukukhula koqoqosho kwaphoxeka, kurekhodishwe nje nge-0,6% ngo-2024, ethe yangaphantsi kwe-0,8% ebilindelwe nguNondyebo weSizwe.

Iingcali zithi ukukhula okungekuhle kuthetha ukuba ukuqokelelwa kwengeniso yerhafu kube ngaphantsi kunoko bekulindelekile.

Ingcali yezoQoqosho eZimeleyo uNtombi Mbele-Thomo uyacacisa, “Into ebesikwazile ukuyifumana njengengeniso yonyaka ka-2024 ingaphantsi kakhulu kunaleyo besiyilindele. Ke oko kubeka uxinzelelo kwi-fiscus. Uyazi, icinezelwa ngakumbi yinto esele benayo ekukwazini ukubonelela ngetyala labo ukuya kwi-GDP yenzala.

“Uyayazi loo nto sele ikuxelela ukuba uMzantsi Afrika awukho kweyona ndlela ibalaseleyo yezoqoqosho ngokukhula kwaye iphakamisa umbuzo wokuba ingaba i-1.9% ebiqikelelwe ngo-2025 izakwenzeka na xa sele iphinde yanyusa ukukhula iye kwi-0.6%,” wongeze watsho uMbele-Thomo.

UNondyebo weSizwe ebenethemba lokuqokelela malunga nama-R60 eebhiliyoni kwingeniso eyongezelelweyo kunyaka-mali ka-2025/26 ngezindululo ezitsha zerhafu.

Umlingane weRhafu eForvis Mazars, uGraham Molyneux uthi, “Ukuba sinokucutha inkcitho eyilahleko, sisuse urhwaphilizo, sigxothe urhwaphilizo ngenxa yokungabi nangcaciso engcono kwaye siqokelele irhafu ebekufanele ukuba yiyo, ndicinga ukuba umntu uyayenza loo nto, mhlawumbi akafuni nokujonga ukonyuswa kwerhafu kwaphela.”

Ndiyazi ukuba ezi zinto mhlawumbi zizinto zexesha eliphakathi ukuya kwelide, azizukwenzeka ngobusuku-yingxaki, ndiyacinga. Ukuba olu hlahlo lwabiwo-mali luqhubela phambili ngomhla we-12, sifuna uhlobo oluthile lwesisombululo sexesha elifutshane kwitheyibhile ukulinganisa uhlahlo lwabiwo-mali. Ndicinga ukuba kuzakubakho irhafu okanye izinto zerhafu eziya kunceda ukulungelelanisa uhlahlo lwabiwo-mali kwixesha elifutshane,” ucacise watsho uMolyneux.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *