ISIBINI SABASETYHINI SIZAKHELA IGAMA NGEZOLIMO

BIZANA-Abafundi ababini ababesakuba ngabafundi bolawulo kwezolimo kwiziko lemfundo ephakemeyo iSayidi TVET college uZikhona Bhantshi kunye no-Athayanda Mdanyana, baye bazimisela ukulwa nentlupheko kunye nentswela ngqesho kwidolophu yabo ngezolimo baseka ifama egama layo liyi ANZ Greenfields.

Oku kuza emva kokuba esi sibini sifumene uqeqesho kwezolimo kwinkampani iHarry Gwala Agriculture. Ukuncipha kwamathuba omsebenzi kweli kukholele ekubeni bazithathele ezandleni zabo iintambo ngokuboleka umhlaba kusapho luka Zikhona nalapho baqale ukulima amazambane kunye nemifuno ngonyaka ka 2021.

Ukongeza, esi sibini siqale ukonga kumvuzo waso ngokuthe chu bebhalisa ishishini labo kwaye benza isivumelwano nevenkile yasekuhlaleni yakwa Boxer, nangona owona mahluko umkhulu kweli shishini ubonakale
emva kokuba i-Arhente yophuhliso lolutsha (NYDA) ibonelele ngenkxasomali.

Ngokutsho kuka-Athayanda Mdanyana ongomnye wabaseki be-ANZ Greenfields, owona mceli mngeni ujongene nefama yabo kukutshintsha kwemozulu kodwa abazokuvumela ukuba kubaphazamise kwiinjongo zokudala amathuba emisebenzi, ukwabelana ngezakhono zokufama kuluntu kunye nokufaka igalelo kuphuhliso Iwezoqoqosho kwisithili.

Ukusuka kwimbewu yombono ukuya kwiziqhamo zempumelelo, uZikhona kunye no Athayanda babonakalise ukuba ngokuzimisela, ubuchule kunye nokuzinikela nantoni na ingenzeka.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *