Liqhubile iphulo lokwazisa abahlali baseQonce nge G20

“Kanti yintoni le G20?”

IG20, okanye iGroup of Twenty, liqonga leengxoxo lamazwe ngamazwe elidibanisa uqoqosho oluphambili lwehlabathi ukuxoxa ngemingeni yoqoqosho lwehlabathi. Yenziwe ngamazwe ali-19 kunye namaqumrhu amabini engingqi: i-European Union kunye ne-African Union.

Eyona njongo yayo iphambili kukukhuthaza uzinzo kuqoqosho lwehlabathi kunye nokuchuma ngentsebenziswano kunye neengxoxo.

INgqungquthela ye-G20 ibanjwa minyaka le, kunye nelizwe elisindlekayo lijikeleza phakathi kwamalungu. Kulo nyaka, uMzantsi Afrika ubambe ingqungquthela eRhawutini, egxile kwimixholo efana nokukhula koqoqosho olubandakanyayo, ukhuseleko lokutya, nobukrelekrele bokwenziwa.

Ngomhla weshumi elinesixhenxe kule yeNkanga, uGCIS ubambe inkqubo yokwazisa Abantu ngokubaluleka kwe G20 ngethemba lokuba bangayazi ukuba ibandakanya umntu wonke. UThanduxolo David Keswa wakwaRhayi, eQonce uthe, uyazamkela iinkokheli zalamazwe yanga lengqungquthela ingaza nezisombululo ezinokukhawuleza zifike kwiminyaka emihlanu hayi kwengaphaya.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *