UBEKWE KWIKHAYA LOKUGQIBELA U-OLORATO NGECAWA
UOlorato Mongale ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela eBloemfontein, ngosuku Lange cawa, umhla wokuqala kweyeSilimela. Le nzwakazi ineminyaka engamashumi amathathy ubudala yaxhwilwa yaza yabulawa emva kokuthandana nendoda awayeyazi nje ngokuba ngu “John.” Umzimba wakhe wafunyanwa ulahliwe eLombardy West. Uphando lwamapolisa luchonge abarhanelwa ekukholelwa ukuba bayinxalenye yeqela lolwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo olujolise abasetyhini ngenkohliso. UPhilangenkosi Makhanya, otyholwa ngokuba ngungqondongqondo kweli…
